Isaiah 30:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Iwaka linye ngokutetisa kwomnye, ngokutetisa kwabahlanu niya kubaleka; nide nisale njengesibonda pezu kwengcopo yentaba, nanjengebanile pezu kwenduli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Niya kubaleka niliwaka, ekhalime emnye; bekhalime bebahlanu, nibaleke nide nisale njengomtshanyane encotsheni yentaba, nanjengebhanile endulini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Niya kubaleka niliwaka, ekukhalimeni komnye; uya kusinda esohlwayweni sabahlanu, ude uhlale njengesibane encotsheni yentaba, nanjengebhanile endulini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Iwaka losukeliswa lijoni elinye; xa ninonke niya kugxothwa ngamajoni amahlanu qha, nibaleke nisabe nibe njengendwe emi yodwa entabeni phaya, nayo ke iyeyentlaba-mkhosi.”