Isaiah 30:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwa ngoko uyehova uya kulinda, ukuba anipate ngofefe, nangoko uya kupakama, ukuba abe nenceba ngakuni; ngokuba uyehova e ngutixo wobugwebo: banetamsanqa ke bonke abamlindayo yena.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngako oko uYehova uya kukha alinde, ukuze anibabale; ngako oko uya kukha akhwelele phezulu, ukuze abe nemfesane kuni;ngokuba nguThixo wogwebo uYehova; hayi, uyolo lwabo bonke abalindele kuye!
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngako oko uYehova uya kukha alinde ukuze abe nenceba kuni, aphakame, ukuze abe nemfesane kuni; ngokuba nguThixo wogwebo uYehova; hayi, uyolo lwabo bonke abalindele kuye!
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke uNdikhoyo usanilindele, usazungula ukunibabala ngesisa. Kaloku yena nguThixo ongajika-jikiyo; hayi ithamsanqa labo bakholosa ngaye!