Isaiah 30:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba abantu base‐Ziyone beya kuhlala e‐Yerusaleme; akusayi kumana ulila; woba nofefe kuwe ngokwenene ngelizwi lesikalo sako; woti akuliva, akupendule.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba abantu aba baya kuhlala eZiyon, eYerusalem; aniyi kuba sabuya nilile; uya kunibabala ngenene ekuvakaleni kokukhala kwenu; akukuva, uya kusabela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba iintlanga ziya kuhlala eZiyon, eYerusalem; akusenako ukukhala; ukuba akeva, wophendula wena.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, nina bemi baseJerusalem, anisayi kuphinda nilile. Kaloku *uNdikhoyo unenceba; ngoko ke nothi nakuzibika kuye asabele.