Isaiah 30:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nakuba inkosi ininika isonka sobunzima namanzi embandezelo, abafundisi bako abasayi kuzimela noko, kodwa amehlo ako obabona abafundisi bako;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
INkosi iya kuninika isonka sobandezelweyo namanzi oxiniweyo, bangabi sazimela abayali bakho, amehlo akho esababona abayali bakho;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nokuba uYehova aninike isonka sobandezelweyo namanzi okubandezeleka, abalusi benu bangabi saphemba ekoneni, amehlo enu esababona abalusi benu;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nangona uMhlekazi eya kuniyekela ngamaxesha enkxwaleko, kodwa nguye ngokwakhe oya kunithundeza; niya kumqonda lowo uya kunifundisa.