Isaiah 30:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwakuya kubako pezu kwazo zonke intaba ezinde, napezu kwazo zonke induli ezipakamileyo, imilanjana n emisinga yamanzi, ngomhla wokubulala okukulu, ekuweni kwazo inqaba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Phezu kweentaba zonke ezinde naphezu kweenduli zonke eziphakamileyo yoba yimijelo, yimisinga yamanzi, ngemini yembulalo enkulu, ekuweni kweenqaba ezinde.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuya kubakho imijelo nemisinga yamanzi ezintabeni zonke ezinde naphezu kweenduli zonke eziphakamileyo, ngemini yembulalo enkulu, ekuweni kweenqaba ezinde.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kogqabhuka imithombo yamanzi ezintabeni nasezindulini ngaloo mini inkulu yokuhlaselwa nokuwa kweenqaba zeentshaba zenu, nazo ngokwazo zibulawe.