Isaiah 30:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwandule ukukanya kwenyanga kube njengokukanya kwelanga, nokukanya kwelanga kube ngokusixe̔nxe, njengokukanya kwemini ezisixe̔nxe, emhleni uyehova abopayo isapuko sabantu bake, nenkeba lokubetwa kwabo alipolise.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukukhanya kwenyanga kuya kuba njengokukhanya kwelanga, nokukhanya kwelanga kube kasixhenxe njengokukhanya kweemini ezisixhenxe, ngemini yokubopha kukaYehova ukwaphuka kwabantu bakhe, apholise ukuphalusa kokubetha kwakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kananjalo ukukhanya kwenyanga kuya kuba njengokukhanya kwelanga, nokukhanya kwelanga kube njengokukhanya kweentsuku ezisixhenxe ngokuphindwe kabini, ngemini yokubopha kukaYehova abantu bakhe, apholise inxeba yenxeba labo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Inyanga yoqaqamba njengelanga, ke lona ilanga liqaqambe ngokuphindwe kasixhenxe, kube ngathi kubandakanywa ukukhanya kweentsuku ezisixhenxe ndawonye. Koba njalo ke mhla uNdikhoyo wawabopha amanxeba awenze kubantu bakhe, azihlambe neenduma zabo.