Isaiah 30:32 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Zonke izidlulo zentonga emisiweyo, aya kuyibeka uyehova pezu kwake, zoba nentambula nehadi: nangokulwa okubupitipiti uya kulwa ngakubo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuya kuthi konke ukuhamba koswazi lommiselo, aluhlisayo uYehova phezu kwakhe, kube neengqongqo neehadi, kusiliwa naye imfazwe, kujinga ingalo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuyo yonke indawo apho intsika ayimisayo uYehova phezu kwayo, kuya kubakho amagubu namacangci; uya kulwa naye ngeemfazwe ezingcangcazelisayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wothi ephindelela nje uNdikhoyo ukuwohlwaya ama-Asiriya ngaloo nduku yakhe yesohlwayo, babe bona abantu bakhe bentyiloza bengqungqa ngamagubu neekatala, abe yena esilwa nawo.