Isaiah 30:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Umtwalo wezilo zasesuyide: ezweni lobunzima noxinezeko, ekuvela kulo ingonyamakazi nengonyama enamandla, inyushu nenyoka ebumliloṙa epapazelayo, bayatwala ubutyebi babo pezu kwemihlana yamaqwaṙashana, nendyebo zabo pezu kwamalunda enkamela, ukuya ebantwini abangayi kubanceda.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Isihlabo esisingisele kwimvubu yelasezantsi. Ezweni leembandezelo nengcutheko, lengonyamakazi nengonyama, lephimpi, lenyushu enobuhlungu ephaphazelayo, babethwele ubutyebi babo ngemihlana yamankonyana amaesile, nobuncwane babo ngamalunda eenkamela, besiya kubantu abangenakubanyusa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umyalezo wamarhamncwa asezantsi: Ezweni leembandezelo neembandezelo, apho kuphuma khona ingonyama entsha, nengonyama entsha, nenyoka, nenyoka ephaphazelayo, ubutyebi babo baya kubuthwala emagxeni amaesile, nobutyebi babo bube phezu kwamagxa ama-esile ubutyebi obusemagxeni abo imihlambi yeenkamela, kubantu abangenakuyinceda nangayiphi na indlela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nalu ke udaba olundilisekileyo mayela nezilo zentlango yasezantsi: Oonozaku-zaku bacanda kweleembandezelo neengozi, kwilizwe abakrotywa ziingonyama, apho kuphithizel' iinyok' ezinobuhlungu, zikwalapho nezitshu zamagongqongqo. Iidonki neenkamela zabo ziyasuntsubala yimithwalo ezizipho ezixabisekileyo, ziphiwa isizwe esingento yanto.