Isaiah 31:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KWOBA nzima kubo abahlela e‐Jipete kuncedwe, abayama emahasheni; abatembela ezinqwelweni, ngokuba zininzi, nakubakweli bamahashe, ngokuba inani labo likulu; kanti abakangeli koyingcwele ka‐Sirayeli, noyehova abamfuni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yeha, abehla baye eYiputa ukuba bancedwe, abayama ngamahashe, abakholosa ngeenqwelo zokulwa, kuba zininzi, nangabamahashe, kuba beqine kunene; abangamnoneleli oyiNgcwele kaSirayeli, abangamquqeliyo uYehova!
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yeha, abehla baye eYiputa ukuba bacele uncedo; abo bakhwele amahashe bakholosa ngeemoto, ngokuba zininzi; nabamahashe, ngokuba beqine kunene; kodwa abakhangeli kuLowo Ungcwele kaSirayeli, yaye abamfuni uYehova!
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kunyembelekile kwabo babhenela kuncedo lweJiputa; nditsho abo bathembela kumahashe, abo bakholosa ngeenqwelo eziyinyambalala, nabaqamele ngobukroti bamajoni, nditsho amajoni amahashe, abantu abangamjongele nto uYedwa kaSirayeli, nditsho abangasifuniyo isiluleko *sikaNdikhoyo.