Isaiah 31:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa yena ulumkile naye, waeya kuzisa ilishwa; namazwi ake akayi kuwabuyisa; koko eya kuvuka ngakuyo indlu yabenzi bokungalungileyo, nangakulo uncedo lwabasebenzi benkohlakalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ulumkile ke naye; uya kuzisa ububi, angawabeki nxamnye amazwi akhe; uya kusukela phezulu kwindlu yabenzi bobubi, nakuncedo lwabasebenza ubutshinga.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ulumkile ke naye; uya kuzisa ububi, angawakhumbuli amazwi akhe; uya kuvuka endlwini yenginingini, amandla noncedo lwamanginingini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukanti yena sisilumko, angasivulela nesithwakumbe; ewe, elakhe ilizwi alidliwa nja! Koko wosuka ayivukele indlu yezikhohlakali, abohlwaye abancedisana nabenzi bobubi.