Isaiah 31:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ama‐Jipete engabantu, engenguye utixo; namahashe awo ayinyama, akanguwo umoya: nxa uyehova aya kwolula isandla sake, kwa yena oncedayo woku̔beka, nalowo uncedwayo uya kuwa; bona bonke bogqitywa kwa kunye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
AmaYiputa angabantu, akaThixo; amahashe awo ayinyama, akamoya; ukuba uYehova angasolula isandla sakhe, wokhubeka umncedi, awe umncedwa, baphele kunye bonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
AmaYiputa ngabantu, akangoThixo; amahashe awo yinyama, akamoya. Ukuba uYehova uyasolula isandla sakhe, umncedi uya kuwa, abo bancedwayo baya kuwa, yaye bonke xa bebonke baya kusilela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
La maJiputandin' asiThixo, koko ngabantu, namahashe awo asimhlola, koko zizilwanyana. UNdikhoyo wothi angaphakama ibe ziziqwenga, ke yena umncedisi atsho akhubeke, aze ke yena umncedwa awe bhaxa, bonke bavuthuluke batshabalale.