Isaiah 31:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba etshilo uyehova kum ukuti: Njengokuba ivungama ingonyama, nengonyamana, pezu kwento iyibambileyo, okuya wonke umhlambi wabalusi ubiziwe ngakuyo; ayituswa ngelizwi labo, ayitotywa nangembutumbutu yabo: kwa njalo uya kuhla uyehova wemikosi, ukuza kulwela intaba ye‐Ziyone, nenduli yayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba uYehova utshilo kum ukuthi, Njengokuba ingonyama, nengonyama entsha, isuka igqume phezu kwento eyibambileyo, yakubizelwa ihlokondiba labalusi, ingaloyiki ilizwi labo, ingayilahli ngokuxokozela kwabo: kwangokunjalo uya kuhla uYehova wemikhosi, ukuba ayikhuphele umkhosi intaba yeZiyon nenduli yayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba utsho uYehova kum ukuthi, Njengengonyama, njengengonyama, igquma ixhoba layo, njengoko bekhala ngako abalusi abaninzi, ayiyi kubawoyika amazwi abo, ayiyi kuthotywa singxokozelo eyabo ayikho. uYehova wemikhosi uya kuhla ngolo hlobo ukuze alwele intaba yaseZiyon nenduli yayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo uthethe nam wenjenje: “Abelusi bangafanelana beqobisa ngemikhwazo, kodwa ngunotshe ukuba bayothuse ingonyama, ingakumbi xa seyilibambile ixhoba layo. Ngokunjalo nam ke akukho bani unokundinqanda ekuyikhuseleni kwam intaba iZiyon, mna Ndikhoyo uSomandla.