Isaiah 32:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngemihla etile ngapezu kwomnyaka niya kupitizeliswa, nina zintombi ezingenakwoyika! ngokuba ukuvunwa kwemiti yeveyine kuya kupela, nokubutwa kweziqa̔mo kungayi kuza.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Iya kuba ziintsuku nokuba ngumnyaka, nigungqe, zintokazi zingakhathaliyo; kuba kuphelile ukuvuna izidiliya; ukubutha iziqhamo akuyi kubakho nakanye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Niya koyika imihla emininzi, neminyaka emininzi, zintokazi zingakhathaliyo; ngokuba ukuvuna kuya kuphela;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ningade nibe ngathi nanelisekile ngoku, kodwa kozayo unyaka nongcungcutheka, kuba idiliya yona yosuka iphunze, singabikho tu isivuno seziqhamo.