Isaiah 32:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ibedengu liya kuteta okububedengu, nentliziyo yalo iya kudala inkohlakalo; lisenza ngobuginwa, liteta okugwenxa ngakuye uyehova; lishiya zé umxe̔lo wolambileyo, noselo lonxaniweyo liluswelekisa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
kuba isidenge sithetha ubudenge, intliziyo yaso yenza ubutshinga, ukuze senze ububi; sithetha into yokubhuda ngoYehova, silambathise umphefumlo wolambileyo, simswelise onxaniweyo into eselwayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba umntu osisidenge uya kuthetha ububi nentliziyo yakhe yenza ububi ngokuhanahanisa nokumxokisa uYehova, ukuze athulule umphefumlo wolambileyo, yaye uya kusitshabalalisa isiselo sonxaniweyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku isiyatha sitheth' ubuyatha, nengqiqo yaso iqulunqa ubugwenxa. Sizixakekise ngenkohliso; *uNdikhoyo sihlala simcukuceza ngengcikivo. Simshiya enjalo umntu othezwa liphango, singamkhathalele nganto nokhotheke lunxano.