Isaiah 33:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KWOBA nzima kuwe ucitakalisayo, kanti wena akucitakaliswanga; otimbayo, kanti akutinjwanga wena! nxa ugqibile ukucitakalisa, uya kucitakaliswa; nxa ufezile ukutimba, kwotinjwa wena.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yeha ke, mbhuqi, wena ke ungabhuqwanga; nginingini, wena ke ungatshinizelwanga! Wakugqiba ukubhuqa, uya kubhuqwa;wakukufeza ukunginiza, uya kunginizelwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yeha, nina baphangi, ningaphangi; yaye benza isidubedube, kodwa abazange benze isidubedube! ukuba uyayeka ukuphanga, uya kuphangwa; yaye ukuba uyayeka ukwenza ukunganyaniseki, baya kwenza ubuqhophololo kuwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kunyembelekile kuwe, mtshabalalisi; wena ungatshatyalaliswanga! Yeha ke, wena tshijolondini; ke wena siqu awuqhathwa mntu! Uya kuze upheze ukutshabalalisa, ibe nguwe otshatyalaliswayo. Boze bupheze ubuqhophololo bakho, nawe ke ube lixhoba lokuqhathwa.