Isaiah 33:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Aboni bayankwantya e‐Ziyone; ukungcangcazela kuqubule abaginwa; ngubanina wakuti ongahlalayo emlilweni odlayo? ngubanina wakuti ongahlalayo ezitshisweni ezingunapakade?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bayankwantya eZiyon aboni, abaziintshembenxa babanjwe kukuthuthumela; bathi, Ngubani na ke kuthi onokuphambukela emlilweni odlayo? ngubani na ke kuthi onokuphambukela emalangatyeni angunaphakade?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bayankwantya aboni baseZiyon; Uloyiko lwabamangalisa abahanahanisi. Ngubani na kuthi oya kuhlala emlilweni ovuthayo? Ngubani na kuthi oya kuhlala emlilweni ongunaphakade?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Aboni baseZiyon bayagubha liphaphu, abangakhathalele Thixo bayangcangcazela. “Ngubani ke kuthi ongamelana nomlilo olenyayo? Ngubani onganyamezela umlilo ongacimekiyo?”