Isaiah 33:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko kwa lapo uyehova obungcwalisa woba yindawo yemilambo ne yezibaxa ezibanzi kuti; akuyi kuhamba kuyo umkombe onemipini; kanjalo inqanawa entle ayiyi kudlula pezu kwayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ewe, ngenxa yethu ikhona ingangamsha uYehova; yindawo enemilambo, enemijelo ebanzi ngeenxa zombini; akuyi kuhamba sinqanawa sibheqwayo apho, kungaweli khona nqanawa iyingangamsha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa apho kuthi uYehova ozukileyo uya kuba yindawo enemilambo ebanzi nemisinga equkuqelayo; apho kungangeni khona mkhombe ubheqayo, kungekho nanqanawa yobukroti inokudlula khona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Apho ke uNdikhoyo woba nguThixo wethu onamandla, soba ngathi siphakathi kweentlambo nemilambo; kodwa akukho sikhephe siya kuhamba khona, kungekho nanqanawa ingangcambaza apho.