Isaiah 34:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Aliyi kucinywa nasebusuku nasemini; umsi walo uya kunyuka kude kube ngunapakade; kwisizukulwana ngesizukulwana loba bugxwayiba; kude kube ngunapakade kanapakade akuko mntu oya kucanda kulo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Aliyi kucinywa ubusuku nemini; umsi walo uya kunyuka ngonaphakade; liya kuchithakala kwisizukulwana ngesizukulwana;liya kuhlala lihleli lodwa, kungabikho ucanda kulo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Aliyi kucinywa imini nobusuku; umsi wayo uya kunyuka ngonaphakade; Ihlala isenkangala kwizizukulwana ngezizukulwana; akuyi kucanda mntu kulo, kuse emaphakadeni asemaphakadeni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wodangazela imini nobusuku, umsi utsho ngomlembelele othunquzayo, kube zizizukulwana ngezizukulwana libharhile, kungaze kunqumle mntu khona,