Isaiah 34:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Imiduna yalo, akuko namnye kona abangawubizayo ebukumkanini; inkosana zalo aziseko nanye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abanumzana baloakuyi kuba sabakho babiza bukumkani kubo, bonke abathetheli balo babe yinto engekhoyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Baya kubizela ebukumkanini izidwangube zakhe, kungabikho bani khona, zonke iinkosana zakhe zibe lilize.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Sobe kubekho kumkani ulawulayo; izinxiba-mxhaka zophel' emehlweni.