Isaiah 34:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Funani encwadini kayehova, nileseshe: ayiyi kuba ingeko nanye kwezi; ayiyi kuswela umlingane wayo nanye imazi: ngokuba umlomo wam wona uyalele, nomoya wake yena uzihlanganisile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Funani encwadini kaYehova, nilese. Akukho nanye kuzo ezo zinto iya kusala, eya kusilela kuwayo; ngokuba ngumlomo wam oziwisele umthetho, ngumoya wawo ozibuthileyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Khangelani incwadi kaYehova, niyilese; ngokuba ndiwuwisele umthetho umlomo wam, ukuba uzihlanganise nomoya wakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Khangela encwadini kaNdikhoyo ufunde: Kwezi zilo akukho singekhoyo, kungekho nesingenaqabane laso, kuba lowo ngumlomo kaNdikhoyo, nguMoya wakhe oya kuziqokelela.