Isaiah 34:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo yena uzenzele iqashiso, nesandla sake sizabele lona ngentambo; zolifuya kude kube ngunapakade; kwisizukulwana ngesizukulwana ziya kuhlala kulo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nguye ozirholele iqashiso, isandla sakhe sazabela lona ngolutya lokulinganisa; ziya kulidla ilifa kudekuse ephakadeni, zihlale kulo kwisizukulwana ngesizukulwana.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabalawula ngamaqashiso, Sabatyakatya ke isandla sakhe; baya kulidla ilifa ngonaphakade, bahlale kulo ukusuka kwesinye isizukulwana kuse kwesinye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Isekwanguye oya kuzabela azinike inxaxheba ngazinye ngazinye. Elo yoba likhaya lazo naphakade, zime khona izizukulwana ngezizukulwana.