Isaiah 34:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwakuya kuhla inyati kunye nazo, nenkabi kunye nenkunzi; ilizwe lazo lonyelwa ngegazi, notuli lwazo luya kutyetyiswa ngenqata.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuya kuhla inqu kunye nazo, iinkunzi ezintsha kunye neenkabi, lisele lihluthe ilizwe labo ligazi, lutyetyiswe uthuli lwabo ngamanqatha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuya kuhla iinqu kunye nabo, iinkunzi ezintsha, kunye neenkomo; yaye ilizwe labo liya kumanziswa ligazi, nothuli lwabo luya kutyeba.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abantu baya kuwa njengenqu; bafane neenkunzi ezindala nezingamathole. Umhlaba uya kufuma ligazi, nothuli lunyephe ngamafutha.