Isaiah 35:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yitini kwabantliziyo inkwantyayo: Yomelelani, ningoyiki; nanku utixo wenu! impindezelo iyeza, ukuvuza kukatixo; yena uya kuza anisindise.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yithini kwabantliziyo zingxamayo, Yomelelani, ningoyiki.Yabonani, uThixo wenu uyeza enempindezelo, enembuyekezo kaThixo; uya kuza yena anisindise.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yithini kwabantliziyo zinkwantyayo, Yomelelani, ningoyiki; yabonani, uThixo wenu uyeza enempindezelo, nguThixo ophindezelayo; uya kuza kunihlangula.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Thetha namagwala, uthi: “Qinani, ningabi nentaka! Kaloku uyeza uThixo wenu; uza epheth' impindezelo. Nank' egush' imbuyekezo; ewe, uza kunihlangula.”