Isaiah 35:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwakuya kubako kona umendo opakamileyo, nendlela, eya kubizwa ngokuti yindlela ebungcwele; onco̔lileyo akayi kudlula ngayo, koko iya kuba yeyabo bona; abahambi, noko bazizidenge, abasakulahleka.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuya kubakho umendo khona, kubekho indlela, kuthiwe ukubizwa kwayo, yindlela engcwele le. Akuyi kudlula nto iyinqambi ngayo; yeyabo yona: abahamba loo ndlela— nabazizihula abayi kulahleka kuyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuya kubakho umendo, kubekho umendo, kuthiwe ukubizwa kwayo, yindlela engcwele le oyinqambi akayi kudlula kuyo; iya kuba yeyabo bona: abahambayo nokuba bezizidenge, abasayi kumka kuyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Apho ke kothi tyaba uhola; leyo ke kothiwa yindlela yobungcwele ekungekho namoni woze athi cakatha kuyo, nasiyatha solahlekisa mntu kuyo.