Isaiah 36:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wati u‐Eliyakime, no‐Shibena, no‐Jowahi, kuye u‐Rabeshake: Kautete kwizicaka zako ngesi‐Siriya, ngokuba sisiva tina; zungateti nati ngesi‐Juda, ezindlebeni zabantu abapezu kwodonga.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bathi ooEliyakim noShebhena noYowa kuRabheshake, Khawuthethe kubakhonzi bakho ngesiAram, kuba sisiva sona; musa ukuthetha kuthi ngesiYuda ezindlebeni zabantu abaseludongeni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uEliyakim, noShebhena, noYowaki kuRabheshake, Thetha kubakhonzi bakho ngesi-Aram; ngokuba siyayiqonda, anithethi kuthi ngesiYuda ezindlebeni zabantu abaseludongeni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwesi sithuba ke uEliyakim noShebhena noJowa babhekisa apho kwingqwayi-ngqwayi, bathi: “Khawuncede ukhumshe isiAram, mhlekazi; izicaka zakho ezi ziyasiqonda. Musa ukuthetha nathi ngesiHebhere, hleze kuve naba bantu baseludongeni.”