Isaiah 36:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko wati u‐Rabeshake: Kusenkosini yako na nakuwe, inditumileyo inkosi yam ukuza kuteta lamazwi? asi kulamadoda na ahleliyo pezu kwodonga, ukuba atye elawo ilindle, nokuba asele owawo umtundo, kunye nani?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uRabheshake, Inkosi yam indithume ukuba ndiwathethe la mazwi enkosini yakho nakuwe, yini na? Asikula madoda ahleli eludongeni yini na, ukuze adle ilindle lawo, asele umchamo wawo nani?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uRabheshake, Inkosi yam indithume ukuba ndiwathethe la mazwi enkosini yakho na, nakuwe na? Ndathi ke, akandithumanga na kumadoda abehleli eludongeni, ukuze adle ilindle lawo, asele newayini yawo?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke loo ngqwayi-ngqwayi yaphendula yathi: “Yini le, nicinga ukuba la mazwi inkosi yam iwabhekisa enkosini yenu nakuni kuphela? Nithi ayiwabhekisi nakwaba bantu bahleli kolu donga? Andithi kaloku nabo kwanjengani baza kutya ilindle labo, basele umchamo wabo!”