Isaiah 36:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wema u‐Rabeshake, wadanduluka ngelizwi elikulu ngesi‐Juda, wati: Yivani amazwi ake ukumkani omkulu, ukumkani we‐Asiriya!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wema uRabheshake, wadanduluka ngezwi elikhulu ngesiYuda, wathi, Waveni amazwi okumkani omkhulu, okumkani waseAsiriya.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wesuka wema uRabheki, wadanduluka ngelizwi elikhulu ngolwimi lwamaYuda, wathi: “Waveni amazwi okumkani omkhulu, ukumkani waseAsiriya.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yaphakama ke ingqwayi-ngqwayi leyo, yadanduluka ithetha ngesiHebhere, yathi: “Phulaphulani nive ekuthethayo ingangalala, ukumkani waseAsiriya!