Isaiah 36:22 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwandula kweza u‐Eliyakime unyana ka‐Hilikiya, obepezu kwendlu, no‐Shibena umba̔li, no‐Jowahi unyana ka‐Safa umkumbuzi, ku‐Hezekiya, benezivato eziṙazukileyo, bamshumayeza amazwi ka‐Rabeshake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Weza ke uEliyakim unyana kaHilekiya, umphathi wendlu, noShebhena umbhali, noYowa unyana ka-Asafu, umkhumbuzi wezinto zakomkhulu, kuHezekiya, bezikrazule iingubo zabo, bamxelela amazwi kaRabheshake.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uEliyakim unyana kaHilekiya owayephethe indlu uShebhena unobhala noYowaki unyana ka-Asafu irhuluneli beza kuHezekiya beneengubo ezikrazukileyo baza bamxelela amazwi kaRabheshake.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku uEliyakim unyana kaHilekiya, umaqhuzu wakomkhulu, noShebhena unobhala wenkundla, kunye noJowa unyana ka-Asafu, usiba-khulu, bakhathazeka bazikrazula izambatho zabo, bahamba baya kuHezekiya, baza bamazisa loo mazwi athethwe yingqwayi-ngqwayi.