Isaiah 36:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Rabeshake wati kubo: Ize niti ke ku‐Hezekiya: Utsho ukumkani omkulu, ukumkani we‐Asiriya, ukuti: Litemba elinina eli utemba ngalo, usiti:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi kubo uRabheshake, Khanithi kuHezekiya, Utsho ukumkani omkhulu, ukumkani waseAsiriya, ukuthi, Yeyani na le nkoloseko ukholose ngayo?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kubo uRabheshake, Yithini kuHezekiya, Itsho iNkosi enkulu, ukumkani waseAsiriya, ukuthi, Liyintoni na ithemba lakho?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ingqwayi-ngqwayi yathetha nabo yathi: “Xelelani uHezekiya nithi: ‘Ithethe ngolu hlobo ingangalala ukumkani waseAsiriya: Njengokuba uzithembe kangaka nje, Hezekiya, uqamele ngantoni kanye?