Isaiah 36:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ukuba uti kum: Siyatemba kuyehova, utixo wetu; asi nguye na, ondawo zake ezipakamileyo nezibingelo zake u‐Hezekiya uzisusile, wati ko‐Juda nakwi‐Yerusaleme: Pambi kwaso isibingelo esi niya kutoba pantsi?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke ukuba uthi kum, Sikholose ngoYehova uThixo wethu, ndithi, Asinguye na lo uziganga nezibingelelo azisusileyo uHezekiya, wathi kumaYuda nakwiYerusalem, Ize niqubude phambi kwesi sibingelelo sodwa?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke ukuba nithi kum, Sikholose ngoYehova uThixo wethu, ndithi, Asinguye na uHezekiya owadiliza izibingelelo eziphakamileyo nezibingelelo zakhe, wathi kumaYuda nakwiYerusalem, Ize niqubude phambi kwesi sibingelelo sodwa?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Mhlawumbi ke uthi: “Hayi, thina sikholose *ngoNdikhoyo uThixo wethu.” Kanene lowo asingulo uHezekiya amdilizele iindawo eziphakamileyo zonqulo, wabhangisa namaqonga amadini akhe, esithi kuJuda neJerusalem: “Yizani kunqula kwiqonga eliseJerusalem kuphela”?