Isaiah 36:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako kaloku uke ungene ekulweni nenkosi yam ukumkani we‐Asiriya, ndandiya kukunika amahashe angamawaka mabini, ukuba ungati ngecala lako unike abakweli pezu kwawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Khawubekelane kaloku nenkosi yam, ukumkani waseAsiriya;ndokunika amawaka amabini amahashe, ukuba unako ngecala lakho ukukhupha abakhweli bokukhwela kuwo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku, yenza isibambiso kukumkani wam, ukumkani waseAsiriya, yaye ndokunika amawaka amabini amahashe, ukuba uthe wabeka abakhweli-mahashe ecaleni kwakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“ ‘Hayi bo! Yiza kaloku, ukhe umiselane nenkosi yam, umhlekazi ukumkani waseAsiriya. Ndokunika amawaka amabini amahashe ukuba unganabo abakhweli.