Isaiah 37:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bona ke, ukuvile oko bakwenzileyo okumkani be‐Asiriya kuwo onke amazwe, ngokuwalahlela ekutshatyalalisweni; kekaloku wena uya kusindiswa ke na?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uyabona, ukuvile wena abakwenzileyo ookumkani baseAsiriya kumazwe onke, ukuba bawaphanzisa; uya kuhlangulwa na ke wena?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uyabona, ukuvile wena abakwenzayo ookumkani baseAsiriya kumazwe onke, ngokuwatshabhisa; kwaye uya kusindiswa?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku sowuzivile izigigaba zokumkani waseAsiriya kwezinye izizwe; uyazi ukuba wazibhukuqa wazitshabalalisa tu. Ke wena uthi uya kusinda njani?