Isaiah 37:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza watuma u‐Eliyakime, obepezu kwendlu, no‐Shibena umba̔li, nabadala bakubaperisite, begujungelwe ngentlakantlaka, ukuya ku‐Yisaya, unyana ka‐Amotse, umprofite.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathuma uEliyakim umphathi wendlu, noShebhena umbhali, namadoda amakhulu ababingeleli, bezigqume ngezirhwexayo, kuIsaya umprofeti, unyana ka-Amotsi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathuma uEliyakim, umgcini wendlu, noShebhena umbhali, nababingeleli abakhulu, bezibhinqe ezirhwexayo, kuIsaya umprofeti, unyana ka-Amos.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathuma uEliyakim umaqhuzu wakomkhulu, noShebhena unobhala wenkundla, kunye nababingeleli abaphambili, bonke benxibe ezirhwexayo zokuzila, wathi mabaye *kumshumayeli uIsaya, unyana ka-Amozi.