Isaiah 37:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngazo izicaka zako uyitukile inkosi, wati: Ngobuninzi benqwelo zam ndiqolile indawo ezipezulu zentaba, amatambeka e‐Lebanone; sendiya kugaula isedare zayo ezinde, nemiberoshe yayo edlulisileyo; ndofikela eyokupela indawo yayo yapezulu, ihlati layo elicu̔mileyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uyingcikivile iNkosi ngabakhonzi bakho, wathi, Ngobuninzi beenqwelo zam zokulwa ndiqabele mna ezintlomeni zeentaba, emathambekeni eLebhanon; ndiyigawule imisedare yayo emide kakhulu nemisipres yayo enyuliweyo; ndifike kweyokuphela indawo yayo ephezulu, ehlathini lentsimi yayo echumayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ungcikivile uYehova ngabakhonzi bakho, usithi, Ngobuninzi beenqwelo zam zokulwa ndiqabele mna encotsheni yeentaba, ekupheleni kweLebhanon; ndiya kuyigawula imisedare yakhe emide kakhulu, nemisipres yakhe; yaye ndiya kungena kwindawo ephakamileyo yelizwe lakhe nakwihlathi leKarmele yakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wena uthumele izigidimi, uNdikhoyo wamfumba ngezithuko; kaloku ugcolode wathi: “Mna ndinenyambalala yeenqwelo; ngazo ndiqabel' iintab' eziphakamileyo, loo malenga-lenga aseLebhanon. Ndiyigawule imisedare yayo emide naloo mipayini yayo ingayiwayo. De ndafikelela nasekudeni, nditsho esitsikolweni sehlathi.