Isaiah 37:29 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngenxa yokuba ukujala kwako ngakum, nokur̔atsha kwako, kunyukele ezindlebeni zam, ndiya kufaka igwegwe lam empumlweni yako, nomkala wam emlonyeni wako, ndize ndikubuyise ngalondlela ubusiza ngayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngenxa yokuguguma kwakho ngam, nangenxa yokutyesha kwakho okunyuke kweza ezindlebeni zam, ndiya kufaka ikhonkco lam empumlweni yakho, nomkhala wam emlonyeni wakho, ndikubuyise ngendlela oweza ngayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngenxa enokuba unyuke umsindo wakho kum, nesandi sakho esi ezindlebeni zam, ndiya kufaka isando sam empumlweni yakho, nomkhala wam emlonyeni wakho, ndikubuyisele ngendlela oweza ngayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku wena uzimisele ukulwa nam. Ndivile nangokundinyelisa kwakho. Ndiza kukuqhobosha impumlo, ndikufake umkhala emlonyeni, ndikubuyisele aph' ubuvela khona.’