Isaiah 37:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baye besiti kuye: Utsho u‐Hezekiya ukuti: Namhla ngumhla wobunzima, nesohlwayo, nogxeko; ngokuba abantwana beze endaweni yokutyoboza, kanti akuko amandla ukuzala.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bathi kuye, Utsho uHezekiya ukuthi, Le mini yimini yembandezelo neyokohlwaya neyogibo; ngokuba abantwana baze kufika emlonyeni wesizalo, tu ke amandla okuzala.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bathi kuye, Kwathiwa nguHezekiya, Namhlanje yimini yokusindeka, yeyokugiba, yogiba; ngokuba kuzelwe oonyana, akakho ke amandla okuzala.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Baya, bafika bathi: “UHezekiya uthi: ‘Lo ngumhla wenkxwaleko, impoxo, nehlazo. Sifana nomfazi ofikelwe lixesha lakhe lokuzala, kodwa engenawo amandla okujongana naloo meko.