Isaiah 37:38 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwada kwati, nxa abezitoba endlwini ka‐Niseroki utixo wake, basuka u‐Adrameleki no‐Sharetsere onyana bake bambulala ngesiṙele; bati bona basindela ezweni le‐Ararate: waza u‐Esare‐hadoni unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, enqula endlwini kaNiseroki uthixo wakhe, bamxabela ngekrele ooAdrameleki noSharetsere, oonyana bakhe. Baza basabela ezweni laseArarati. UEsar-hadon, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi, ethandaza endlwini yothixo wakhe uNiserogi, bambulala ngekrele oonyana bakhe, uAdrameleki noSaretsere; yaye basabela kwilizwe lakwa-Aram, yaye uEsar-hadon unyana wakhe walawula esikhundleni sakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngamhla uthile ke uthe esanqula kwindlu yothixo wakhe uNiseroki, suka oonyana bakhe uAdrameleki noSharezere bamhlasela, bambulala ngekrele, baza ke babalekela kwelaseArarati. Ke uEsaradoni, omnye koonyana bakhe, wangena esikhundleni sakhe, wangukumkani.