Isaiah 37:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kungaba uyehova, utixo wako, uya kuva amazwi ka‐Rabeshake, otunyiweyo ngukumkani we‐Asiriya, inkosi yake, ukuza kutuka utixo opilileyo, awohlwayele amazwi awavileyo uyehova, utixo wako; ngako pakamisa umtandazo ngenxa yesisalela esikoyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Mhlawumbi uYehova uThixo wakho angaweva amazwi kaRabheshake, othunyiweyo ngukumkani waseAsiriya inkosi yakhe, ukungcikiva uThixo ophilileyo; amohlwaye ngenxa yamazwi lawo awavileyo uYehova uThixo wakho; wena uphakamise umthandazo ngenxa yamasalela asekhoyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Mhlawumbi uYehova uThixo wakho uya kuwava amazwi kaRabheshake, lowo ukumkani waseAsiriya, inkosi yakhe, emthumeleyo ukungcikiva uTHIXO ophilayo, yaye uya kuwakhalimela amazwi uYehova uThixo wakho awavileyo; ke ngoko, phakamisa umthandazo wakho ngenxa yentsalela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Makube uNdikhoyo uThixo wakho uwevile onke amazwi athethwe yingqwayi-ngqwayi leyo ibithunywe yinkosi yayo ukumkani waseAsiriya ukuze ize kuphoxisa ngoThixo ophilayo. Ngamana yakhalinyelwa ngenxa yamazwi aweve ngokwakhe uNdikhoyo uThixo wakho. Ngoko ke nceda uthandazele amasalela asindileyo.’ ”