Isaiah 37:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Yisaya wati kuzo: Niya kutsho enkosini yenu ngokuti: Utsho uyehova ukuti: Ungoyiki ngenxa yamazwi uwavileyo, lawo abafana bokumkani we‐Asiriya bandigxekile ngawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uIsaya kubo, Nothi kwinkosi yenu, Utsho uYehova ukuthi, Musa ukoyikiswa ngamazwi owavileyo, abandinyelise ngawo abafana bakwakumkani waseAsiriya.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uIsaya kubo, Yizani, nithi enkosini yenu, Utsho uYehova ukuthi, Musa ukuwoyika amazwi owavileyo, abawenze kum abakhonzi bokumkani waseAsiriya.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
uIsaya wathi kuwo: “Yixeleleni inkosi yenu ukuba uNdikhoyo uthi: ‘Musa ukuxhalaba yiloo nto uyivileyo – loo mazwi athethwe ngamaphakathi kakumkani waseAsiriya endithuka.