Isaiah 38:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
NGALOMIHLA wabesifa u‐Hezekiya wada waza kububa. Wandula weza kuye u‐Yisaya unyana ka‐Amotse, umprofite, wati kuye: Utsho uyehova ukuti: Yolela indlu yako; ngokuba uya kububa wena, akuyi kupila.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngaloo mihla wayesifa UHezekiya, eza kufa. Waya umprofeti kuye, uIsaya unyana ka-Amotsi; wathi kuye, Utsho uYehova ukuthi, Yolela indlu yakho, ngokuba uya kufa wena, akuyi kuphila.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngelo xesha wahliwa sisifo uHezekiya, wafa. Waya umprofeti uIsaya, unyana ka-Amos, kuye, wathi kuye, Utsho uYehova ukuthi, Zilawule indlu yakho, ngokuba uya kufa, akuyi kuphila.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngelo thuba ke ukumkani uHezekiya wahlabeka, waza wagulela ukungabikho. *Umshumayeli uIsaya, unyana ka-Amozi, waya kumbona, waza wathi kuye: “*UNdikhoyo uthi: ‘Lungisa imicimbi yomzi wakho ime kakuhle, kuba uza kufa, awuzukuphila.’ ”