Isaiah 38:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bona ke, buguqulwe ubuṙaṙa bam obukulu baba luxolo; wautandile umpefumlo wam, wandikulula emnxunyeni wokubola: ngokuba zonke izono zam uziposile emva kwomhlana wako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yabona, baba lusindiso kum ubukrakra obukhulu. Wena ke ngokundithanda, wawurhola umphefumlo wam esihogweni sokonakala;Ngokuba izono zam uzilahlile emva komhlana wakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yabona, bendiba nomvandedwa ngenxa yoxolo, kodwa ngokuthanda umphefumlo wam wawusindisa esihogweni sesihogo, ngenxa enokuba wazilahlela emva kwakho zonke izono zam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ubukrakra bube lusizo kum; undihlangule kubo bonke ububi, waza ke wazixolela nezono zam.