Isaiah 39:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
NGELOXESHA watuma u‐Merodaki‐baladane, unyana ka‐Baladane, ukumkani we‐Babilone, incwadi nebaso ku‐Hezekiya; ngokuba ebevile ukuba ubesifa, nokuba ubuye wacaca.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngelo xesha uMerodaki-bhaladan, unyana kaBhaladan, ukumkani waseBhabheli, wathumela incwadi nomnikelo kuHezekiya; kuba wayevile ukuba ubesifa, wabuya wachacha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngelo xesha uMerodage-bhaladan unyana kaBhaladan, ukumkani waseBhabheli, wathumela incwadi nezipho kuHezekiya; ngokuba ubevile ukuba ubesifa, wabuya wachacha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku ngelo xesha ukumkani waseBhabheli, uMerodaki-bhaladan unyana kaBhaladan, weva ukuba ukumkani uHezekiya ubekhe wagula wabuya wachacha. Ngoko wambhalela iileta, wazithumela ngezigidimi kunye nesipho.