Isaiah 39:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula weza u‐Yisaya umprofite kukumkani u‐Hezekiya, wati kuye: Ate nina lamadoda? avela pina ukuza kuwe? Wati u‐Hezekiya: Avela elizweni elikude ukuza kum, e‐Babilone.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waya uIsaya umprofeti kukumkani uHezekiya, wathi kuye, Atheni na la madoda? avele ngaphi na ukuza kuwe? Wathi uHezekiya, Avele ezweni elikude eBhabheli, esiza kum.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waya umprofeti uIsaya kukumkani uHezekiya, wathi kuye, Atheni na la madoda? bevela phi na ukuza kuwe? Wathi uHezekiya, Beza kum, bevela ezweni elikude, eBhabheli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
*Umshumayeli uIsaya ke waya kukumkani uHezekiya, wafika wabuza wathi: “La madoda ebevela phi, efuna ntoni khona?” UHezekiya uphendule wathi: “Aphuma kwelikude, eBhabheli, esiza kum.”