Isaiah 39:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bona ke, imihla iyeza, kwakuba konke okusendlwini yako, noko bakubekeleyo oyihlo bako kwada kwanamhla, kuya kusiwa e‐Babilone; akuyi kusala nento, utsho uyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uyabona, kuza imihla, eya kuthi yonke into esendlwini yakho, nento abayiqwebayo ooyihlo, kwada kwayile mini, ithwalelwe eBhabheli, kungasali nto; utsho uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yabona, iyeza imihla yaxa konke okusendlwini yakho noko kwaqwetywa ngooyihlo kwada kwayile mini kuya kuthinjwa ngayo kusiwe eBhabhiloni; akuyi kusala nto, utsho uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
‘Ngenene kuza ithuba apho yonke into elapha komkhulu nalo lonke ilifa elashiywa ngooyihlo ukuza kuthi gaa namhlanje, liya kuthinjwa, lifuduselwe eBhabheli.’ Ewe, uNdikhoyo uthi akukho nto iya kusala.