Isaiah 39:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nakubo onyana bako abaya kupuma kuwe, abo uya kubazala, baya kususa inxenye; babeya kuba ngababusi eluxandeni lwokumkani we‐Babilone.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baya kuthabatha nakoonyana bakho abaya kuphuma kuwe, oya kubazala, babe ngababusi ebhotweni lokumkani waseBhabheli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Koonyana bakho abaya kuphuma kuwe, oya kubazala, ubasuse; yaye ziya kugcinwa kwibhotwe likakumkani waseBhabhiloni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abanye kubazukulwana besinqe sakho kanye baya kuthinjwa, baze benziwe amathenwa, babe zizicaka kwibhotwe lokumkani waseBhabheli.”