Isaiah 4:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Amankazana asixe̔nxe aya kubamba indoda inye ngalomhla, esiti: Esetu isonka siya kusidla, nezetu izivato siya kuzambata, kupela masibizwe ngegama lako, kususwe ihlazo letu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abafazi abasixhenxe bobambelela ndodeni-nye ngaloo mini, besithi, Sodla esethu isonka, sambathe ezethu iingubo; kodwa masibizwe ngegama lakho, ukususe ukungcikiveka kwethu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngaloo mini abafazi abasixhenxe bobambelela ndodeni-nye, besithi, Sodla isonka sethu, sambathe iingubo zethu; masibhenele egameni lakho, ukuba sikususe ukucukucezwa kwethu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku abafazi abasixhenxe bobambelela ndodeni-nye, bathi: “Sinako ukuzixhasa ngokutya nempahla yokunxiba; kambe ke into esiyicelayo kukuba sibizwe ngegama lakho, ukuze siphume ehlazweni.”