Isaiah 4:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
uya kwandula uyehova ukudala pezu kwazo zonke intlalo zasentabeni ye‐Ziyone, napezu kwendawo zayo zokuhlanganisela, ilifu nomsi ngemini, nokukazimla kwomlilo odangazelayo ngobusuku: ngokuba pezu kwabo bonke ubungcwalisa kuya kubako isigubungelo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wodala ke uYehova phezu kweendawo zonke zeentaba zeZiyon, naphezu kweentlanganiso zayo, ilifu elingumsi emini, nokudangazela komlilo ebusuku. Kuba phezu kobuqaqawuli obo bonke, kuya kubakho isigubungelo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehova uya kudala phezu kwayo yonke indawo yokuhlala yeNtaba yeZiyon naphezu kwamabandla ayo ilifu elingumsi emini nokukhanya komlilo ovuthayo ebusuku, kuba kuya kubakho indawo yokusithela phezu ‘kozuko lonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Intaba iZiyon nabo bonke abakuyo uNdikhoyo uya kubagubungela ngelifu alidalileyo elirhuqayo emini, aze ngokuhlwa abakhanyisele ngedangatye eliqaqambileyo. Ewe, uThixo isixeko eso uya kusisitha asikhusele ngobungangamsha bakhe.