Isaiah 40:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Iya kwalusa umhlambi wayo njengomalusi; imvana iya kuzibuta ezingalweni zayo, izitwale esifubeni sayo; igushakazi ezanyisayo yozitundeza.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Iya kuwalusa umhlambi wayo njengomalusi; iya kuwabutha ngeengalo zayo amatakane, iwathwale ngesifuba sayo, izithundeze ezanyisayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Iya kuwalusa umhlambi wayo njengomalusi; uya kuwabutha amatakane esandleni sakhe, awathwale ngesifuba sakhe, abathundeze ngocoselelo abathuthuzeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yona njengomalusi iyawulondoloza umhlambi; amatakane iwaqokelela iwafunqule, ke zona ezanyisayo izithundeze.