Isaiah 40:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Tetani kamnandi kwi‐Yerusaleme, nishumayele kuyo, ukuba ukulwa kwayo kuzalisekile, ukuba inkohlakalo yayo ihlaulelwe; ukuba yamkele esandleni sikayehova ngokupindiweyo ngenxa yazo zonke izono zayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Thethani kakuhle neYerusalem, nimemeze kuyo, nithi kuzalisekile ukuphuma kwayo umkhosi; nithi, buhlawulelwe ubugwenxa bayo; nithi, yamkeliswe esandleni sikaYehova okuphindwe kabini kwizono zayo zonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ziveni nikhululekile ukuthetha neYerusalem, nimemeze kuyo, nithi kuphelile ukulwa kwayo, nokuba buxolelwe ububi bayo; ngokuba wamkela esandleni sikaYehova kabini ngenxa yezono zakhe zonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Thethani kakuhle neJerusalem; dandulukani niyixelele ukuba umzabalazo wayo ufezekile. Kaloku izono zayo zixolelwe; *uNdikhoyo uyibonelele ngaphezu kunobugwenxa bayo.”