Isaiah 40:26 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Pakamisani ngapezulu amehlo enu, nibone, ngubanina ozidalileyo ezizinto; ovelisayo umkosi wazo ngenani; zonke ke uyazibiza ngegama; ngobuninzi bamandla ake, nobomelelo bake obukulu; akuko nanye engeko.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Phakamiselani amehlo enu phezulu, nibone: ngubani na owadala ezi zinto? Ngulokhupha umkhosi wazo ngamaqela, uzibiza zonke ziphela ngamagama, ngenxa yobukhu bokomelela, ekhaliphile ngamandla; akusali nanye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Phakamisani amehlo enu, nikhangele, ukuba ngubani na owazidalayo ezo zinto; Uzibiza zonke ziphela ngamagama, ngenxa yobukhulu bamandla akhe, ngenxa enokuba ekhaliphile ngamandla; akukho namnye usilelayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Khawujonge phezulu esibhakabhakeni; zidalwe ngubani ezi zinto? Lo uzikhokela njengomkhosi iinkwenkwezi yena uyalazi nenani lazo. Uzibiza ngamagama zonke ngazinye; ewe, akanganganto amandla akhe, ngoko akunakulahleka nob' ibe nye.